Isaya
42 Khangela! Umkhonzi wam,+ endimxhasayo!+ Onyuliweyo wam,+ lowo ukholisiweyo nguye umphefumlo wam!+ Ndifake umoya wam kuye.+ Uya kuzizisela okusesikweni iintlanga.+ 2 Akayi kudanduluka okanye aphakamise ilizwi lakhe, yaye akayi kulivakalisa esitratweni ilizwi lakhe.+ 3 Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula;+ umsonto weflekisi olozizayo, akayi kuwucima. Uya kuzisa okusesikweni ngenyaniso.+ 4 Akayi kuba norhatyazo okanye atyunyuzwe ade amise okusesikweni emhlabeni;+ kwaye iziqithi ziya kuhlala zilindele umthetho wakhe.+
5 Utsho uTHIXO oyinyaniso, uYehova, uMdali wamazulu+ naLowo uZukileyo owanekayo;+ Lowo utwabulula umhlaba+ nemveliso yawo,+ Lowo unika abantu abakuwo+ impefumlo,+ nobanika umoya abo bahamba kuwo,+ ukuthi: 6 “Mna, Yehova, ndikubizile ngobulungisa,+ ndakubamba ngesandla.+ Kwaye ndiya kukulondoloza ndize ndikwenze umnqophiso wabantu,+ njengokhanyiso lweentlanga,+ 7 ukuba wena uvule amehlo amfamekileyo,+ ukhuphe ibanjwa entolongweni,+ ubakhuphe endlwini yokubanjwa abo bahleli ebumnyameni.+
8 “NdinguYehova. Lilo elo igama lam;+ andiluniki omnye uzuko lwam,+ nendumiso yam+ andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo.+
9 “Izinto zokuqala—zifikile,+ kodwa ndixela izinto ezintsha. Phambi kokuba ziqalise ukuntshula, ndinivisa zona.”+
10 Mvumeleni ingoma entsha uYehova,+ indumiso yakhe ukususela esiphelweni somhlaba,+ nina nehlela elwandle+ nakoko kuluzalisileyo, nina ziqithi nabemi bazo.+ 11 Intlango+ nezixeko zayo maziphakamise amazwi azo, imizi emiwe ngamaKedare.+ Abemi bengxondorha+ mabadanduluke ngovuyo. Phezulu ezintabeni abantu mabadanduluke kakhulu. 12 Mabanike uYehova uzuko,+ naseziqithini mabaxele indumiso yakhe.+
13 UYehova uya kuphuma njengendoda enamandla.+ Uya kuvusa inzondelelo njengendoda yokulwa.+ Uya kukhwaza, ewe, uya kuhlaba umkhosi;+ uya kuzibonakalisa enamandla ngakumbi phezu kweentshaba zakhe.+
14 “Ndiye ndathula kangangexesha elide.+ Ndaqhubeka ndithe cwaka.+ Ndaqhelisela ukuzeyisa.+ Njengomfazi ozalayo ndiza kugcuma, ndikhefuzele, ndibefunyeke kwangaxeshanye.+ 15 Ndiya kuphanzisa+ iintaba neenduli, kwaye bonke utyani bazo ndiya kubomisa. Yaye ndiza kujika imilambo ibe ziziqithi, namachibi aneengcongolo ndiya kuwomisa.+ 16 Ndiya kuhambisa iimfama endleleni ezingayazanga;+ ndizinyathelise endleleni ezingayazanga.+ Ndiya kuyijika indawo emnyama phambi kwazo ibe kukukhanya,+ nendawo emagqagala ibe ngumhlaba othe tyaba.+ Ezi zizinto endiya kuzenzela zona, yaye andiyi kuzishiya.”+
17 Bamele babuyiselwe emva, baya kuba neentloni kakhulu, abo bakholosa ngomfanekiso oqingqiweyo,+ abo bathi kumfanekiso otyhidiweyo: “Ningoothixo bethu.”+
18 Yivani, nina zithulu; khangelani ukuze nibone, nina zimfama.+ 19 Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam, yaye ngubani na osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengalowo uvuziweyo, okanye oyimfama njengomkhonzi kaYehova?+ 20 Ubone izinto ezininzi, kodwa akuzange uhlale wondele.+ Uvule iindlebe, kodwa akuzange uhlale uphulaphule.+ 21 UYehova ngenxa yobulungisa bakhe+ uyoliswe kukuwenza mkhulu umthetho+ aze awenze ube nobungangamsha. 22 Kodwa sisizwana esiphangiweyo nesihluthiweyo,+ sonke sithiyelwe emingxunyeni, yaye sifihlwe ezindlwini zokubanjwa.+ Siye saba sesokuphangwa kungekho mhlanguli,+ saba sesokuhluthwa kungekho nabani othi: “Buyisa!”
23 Ngubani na phakathi kwenu oya kukubekela indlebe oku? Ngubani na oya kunikela ingqalelo aze aphulaphulele amaxesha ezayo?+ 24 Ngubani na onikele uYakobi ukuba aphangwe, noSirayeli kubaphangi? AsingoYehova na, Lowo simonileyo, nabangavumanga ukuhamba ezindleleni zakhe nabangawuphulaphulanga umthetho wakhe?+ 25 Waqhubeka ke Yena ephalazela kuye ubushushu, umsindo wakhe, namandla emfazwe.+ Kwaye baqhubeka bemdla macala onke,+ kodwa akazange aphawule;+ baqhubeka bemtshisa, kodwa engakubekeli ntliziyo oko.+