Isaya
1 Umbono+ kaIsaya+ unyana ka-Amotsi awawubonayo ngokuphathelele uYuda neYerusalem ngemihla kaUziya,+ uYotham,+ uAhazi+ kunye noHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda:+
2 Yivani,+ mazulu, uze ubeke indlebe, mhlaba, kuba uYehova uthethile: “Ndikhulise oonyana ndaza ndabaphakamisa,+ kodwa bona bandivukele.+ 3 Inkunzi yenkomo imazi kakuhle umthengi wayo, ne-esile liyawazi umkhumbi womninilo; uSirayeli yena akazi,+ abantu bam abaziphathanga ngokuqonda.”+
4 Yeha ke uhlanga olunesono,+ abantu abasindwa ziziphoso, imbewu yabenza ububi,+ oonyana abonakalisayo!+ Bamshiyile uYehova,+ bamphethe ngokungenantlonelo Lowo Ungcwele kaSirayeli,+ babuyele umva.+ 5 Niya kuphinda nibethwe phi kwakhona,+ ekubeni nisongeza imvukelo engakumbi?+ Intloko iphela ikwimeko yokugula, nentliziyo yonke ibuthathaka.+ 6 Ukususela entendeni yonyawo kude kuse entloko akukho ndawo iphilileyo kuwo.+ Amanxeba nokugruzuka nemivilambo emitsha—ayicudiswanga okanye ibotshwe, ingenziwanga nokuba ithambe ngeoli.+ 7 Ilizwe lenu lisisiphanziso,+ izixeko zenu zitshiswe ngomlilo;+ umhlaba wenu—udliwa ugqitywe ngabasemzini+ kanye phambi kwenu,+ yaye isiphanziso sinjengokubhukuqwa ngabasemzini.+ 8 Nentombi yaseZiyon+ ishiywe njengomnquba esidiliyeni, njengephempe entsimini yeekomkomere, njengesixeko esirhangqiweyo.+ 9 Ngaphandle kokuba uYehova wemikhosi asishiyele nje abasindi abambalwa,+ ngesasibe njengeSodom kanye, ngesasifane neGomora.+
10 Liveni ilizwi likaYehova,+ nina bozwilakhe+ baseSodom.+ Wubekeleni indlebe umthetho kaThixo wethu, nina bantu baseGomora. 11 “Kunangenelo ngantoni na kum ukuba mininzi kwemibingelelo yenu?” utsho uYehova. “Ndanele yimibingelelo etshiswa kuphele+ yeenkunzi zeegusha+ namanqatha ezilwanyana ezondlekileyo;+ yaye andiyoliswa+ naligazi+ lamathole eenkomo aziinkunzi neenkunzi zeemvana neenkunzi zeebhokhwe.+ 12 Xa nisiza kubonakala ebusweni bam,+ ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukuba ninyathele iintendelezo zam?+ 13 Yekani ukuzisa nayiphi na iminikelo engakumbi yokudla okuziinkozo engenaxabiso.+ Isiqhumiso—siyinto ecekisekayo kum.+ Ukuthwasa kwenyanga+ nesabatha,+ ukubizwa kwendibano+—andinakukunyamezela ukusetyenziswa kwamandla angaqhelekanga+ kunye nendibano engcwele. 14 Umphefumlo wam ukuthiyile ukuthwasa kweenyanga zenu namaxesha enu emisitho.+ Kuye kwaluxanduva kum;+ ndidiniwe kukukuthwala.+ 15 Naxa nisolula izandla zenu,+ ndiyawafihla amehlo am kuni.+ Nakubeni nisenza imithandazo emininzi,+ andiphulaphulanga;+ zona kanye izandla zenu zizaliswe luphalazo-gazi.+ 16 Zihlambeni;+ zihlambululeni;+ shenxisani ububi benu phambi kwamehlo am;+ yekani ukwenza okubi.+ 17 Fundani ukwenza okulungileyo;+ funani okusesikweni;+ lungisani umcinezeli;+ yigwebeleni inkwenkwe engenayise;+ gwebani ityala lomhlolokazi.”+
18 “Yizani, ke, silungelelanise imicimbi phakathi kwethu,” utsho uYehova.+ “Nangona izono zenu zingqombela, ziya kwenziwa mhlophe njengekhephu;+ nangona zibomvu njengelaphu elibomvu ngokungqombela, ziya kuba njengoboya. 19 Ukuba nithe navuma naphulaphula, niya kudla okulungileyo kwelizwe.+ 20 Kodwa ukuba nithe nala+ naba nemvukelo, niya kudliwa nigqitywe likrele; kuba wona kanye umlomo kaYehova ukuthethile oko.”+
21 Owu hayi indlela idolophu ethembekileyo+ eye yaba ngunongogo ngayo!+ Yayizaliswe kokusesikweni;+ ubulungisa babudla ngokuhlala kuyo,+ kodwa ngoku ngababulali.+ 22 Isilivere yakho iye yaba yintlenge.+ Utywala bengqolowa bungxengwe ngamanzi.+ 23 Iinkosana zakho zineenkani yaye zingamaqabane amasela.+ Zonke zithanda isinyobo,+ zikwasukela nezipho.+ Aziligwebi ityala lenkwenkwe engenayise; kwanetyala lomhlolokazi abazikhathazi ngalo.+
24 Ngoko ke lilo eli ilizwi leNkosi eyinyaniso, uYehova wemikhosi, Lowo unaMandla kaSirayeli:+ “Heke! Ndiya kuzikhulula kwiintshaba zam, ndiziphindezelele+ ezintshabeni zam.+ 25 Ndiya kusibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndiyinyibilikise intlenge yakho ngokungathi kungesoda, ndiyishenxise yonke intsila yakho.+ 26 Ndiya kukubuyisela abagwebi kwakhona njengasekuqaleni, nabacebisi bakho njengakuqala.+ Emva koko uya kubizwa ngokuba usisiXeko Sobulungisa, iDolophu Ethembekileyo.+ 27 IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni,+ nabo babuyileyo bayo, ngobulungisa.+ 28 Ukuwa kwabo bavukelayo nokwabo banesono kuya kuba ngaxeshanye,+ nabo bamshiyayo uYehova baya kupheliswa.+ 29 Kuba baya kuba neentloni ngemithi emikhulu kakhulu leyo nayinqwenelayo,+ yaye niya kudana ngenxa yemiyezo eniyinyulileyo.+ 30 Kuba niya kuba njengomthi omkhulu onamahlamvu abunayo,+ nanjengomyezo ongenamanzi. 31 Ngokuqinisekileyo nendoda enamandla iya kuba yintambo yeflakisi,+ nemveliso yomsebenzi wayo ube yintlantsi; yaye ngokuqinisekileyo zombini ziya kudangazela ngaxeshanye, kungekho bani ucimayo.”+