Isaya
43 Ke kaloku utsho uYehova, uMdali wakho,+ Yakobi, noMyili wakho,+ Sirayeli, ukuthi: “Musa ukoyika, kuba ndikuhlawulele.+ Ndikubizile ngegama lakho.+ Ungowam.+ 2 Ukuba kunokwenzeka udlule emanzini,+ ndiza kuba nawe;+ nasemilanjeni, ayiyi kukukhukulisa.+ Ukuba kunokwenzeka uhambe emlilweni, akuyi kutsha, nedangatye aliyi kukurhawula.+ 3 Kuba ndinguYehova uThixo wakho, Lowo Ungcwele kaSirayeli uMsindisi wakho.+ Ndinikele ngeYiputa ukuba ibe yintlawulelo yakho,+ iTiyopiya+ neSebha esikhundleni sakho. 4 Ngenxa yokuba uxabisekile yaye ubekekile emehlweni am,+ mna ke ndikuthandile.+ Yaye ndiya kunikela abantu esikhundleni sakho, namaqela eentlanga esikhundleni somphefumlo wakho.+
5 “Musa ukoyika, kuba ndinawe.+ Ndiya kuyizisa imbewu yakho ivela empumalanga, ndikuqokelele ndawonye uvela entshonalanga.+ 6 Ndiya kuthi kumntla,+ ‘Khupha!’ nakumzantsi ndithi, ‘Musa ukunqanda. Zisa oonyana bam abavela kude, neentombi zam ezivela esiphelweni somhlaba,+ 7 wonk’ ubani obizwa ngegama lam+ nendimdalele uzuko lwam,+ endimyilileyo, ewe, endimenzileyo.’+
8 “Zisa isizwana esiziimfama nakuba ekho wona amehlo, nezithulu nakuba beneendlebe.+ 9 Iintlanga zonke maziqokelelwe kwindawo enye, namaqela eentlanga ahlanganiselwe ndawonye.+ Ngubani na phakathi kwazo onokukuxela oku?+ Okanye zinako na ukusivisa kwanezinto zokuqala?+ Mazivelise amangqina azo,+ ukuze zibe nokuvakaliswa zingamalungisa, okanye mabeve baze bathi, ‘Yinyaniso!’”+
10 “Ningamangqina am,”+ utsho uYehova, “ningumkhonzi wam endimnyulileyo,+ ukuze nazi,+ nikholwe kum,+ niqonde ukuba ikwaNdim.+ Phambi kwam akuzange kuyilwe Thixo,+ nasemva kwam akubangakho namnye.+ 11 Mna—ke, ndinguYehova,+ yaye akukho msindisi ngaphandle kwam.”+
12 “Mna ndixelile, ndasindisa, ndavakalisa,+ kungekho thixo+ wumbi phakathi kwenu. Ngoko nina ningamangqina am,”+ utsho uYehova, “yaye mna ndinguThixo.+ 13 Lonke ixesha eli ikwaNdim;+ yaye akukho bani uhlangulayo esandleni sam.+ Ndiya kusebenza,+ kwaye ngubani na onokukubuyisa oko?”+
14 Utsho uYehova, uMhlawuleli wenu,+ Lowo Ungcwele kaSirayeli, ukuthi:+ “Ngenxa yenu ndiza kuthumela eBhabhiloni ndize ndihlise imivalo yeentolongo,+ namaKhaledi ehlahlamba ezinqanaweni zawo.+ 15 NdinguYehova Lowo Ungcwele wenu,+ uMdali kaSirayeli,+ uKumkani wenu.”+
16 Utsho uYehova, Lowo wenza indlela elwandle nendlela emanzini anamandla,+ 17 Lowo uvelisa inqwelo yokulwa nehashe, umkhosi wamajoni nabo bomeleleyo kwangaxeshanye, ukuthi:+ “Baya kulala phantsi.+ Abayi kuvuka.+ Ngokuqinisekileyo baya kucimeka.+ Njengomsonto weflekisi bamele bacime.”+
18 “Musani ukuzikhumbula izinto zokuqala, musani ukuphethulela ingqalelo yenu kwizinto zangaphambili. 19 Khangelani! Ndenza into entsha.+ Ke kaloku iya kuntshula. Nina niya kuyazi, akunjalo na?+ Ngokwenene, entlango ndiya kumisa indlela,+ imilambo enkqantosini.+ 20 Irhamncwa lasendle liya kundizukisa,+ oodyakalashe neenciniba;+ ngenxa yokuba ndiya kuvelisa amanzi entlango,+ nemilambo enkqantosini, ukuze ndiseze abantu bam, onyuliweyo wam,+ 21 abantu endiziyilele bona, ukuze babalise indumiso yam.+
22 “Kodwa akundibizanga mna, Yakobi,+ ngenxa yokuba utyhafile ndim, Sirayeli.+ 23 Akundiziselanga izimvu zomnikelo wakho otshiswa kuphele, yaye akundizukisanga ngemibingelelo yakho.+ Andikunyanzelanga ukuba undikhonze ngesipho, ndingakutyhafisanga nangentlaka yokuqhumisa.+ 24 Akundithengelanga ngcongolo yeziqholo emnandi+ ngayo nayiphi na imali; yaye akundanelisanga ngamanqatha emibingelelo yakho.+ Ngenene undinyanzele ukuba ndikhonze ngenxa yezono zakho; undityhafisile ngeziphoso zakho.+
25 “Mna—mna ndinguLowo ususa+ ukunxaxha kwakho+ ngenxa yam,+ kwaye izono zakho andiyi kuzikhumbula.+ 26 Ndikhumbuze; masimiselane isigwebo;+ chaza ingxelo yakho ukuze ube ngolungileyo.+ 27 Uyihlo, owokuqala, wonile,+ nalowo ukuthethelayo unxaxhile kum.+ 28 Ngoko ndiya kuzihlambela iinkosana zendawo engcwele, yaye ndiya kumnikela kwintshabalalo uYakobi noSirayeli kumazwi okutshabhisa.+