Eksodus
23 “Uze ungayithabathi ingxelo yobuxoki.+ Ungasebenzisani nongendawo ngokuthi ube lingqina lobubi.+ 2 Uze ungalandeli isihlwele esineenjongo ezimbi;+ yaye uze unganikeli ubungqina embambanweni ngenjongo yokugqwetha okusesikweni ukuze ukholise isihlwele.+ 3 Uze ungabi nomkhethe kwisisweli, ukuba sithe sanembambano nomnye.+
4 “Xa uthe waqubisana nenkunzi yenkomo okanye iesile lotshaba lwakho lilahleka, uze ulibuyisele kulo.+ 5 Xa uthe walibona iesile lokuthiyileyo lisadalele phantsi komthwalo walo, musa ukumyekela. Mkhululise lona.+
6 “Uze ungasigqwethi isigwebo sehlwempu ukuba lithe lanembambano nomnye.+
7 “Cezela ezwini lobuxoki.+ Musa ukumbulala omsulwa nolilungisa, kuba andiyi kumvakalisa elilungisa ongendawo.+
8 “Uze ungamkeli sinyobo, kuba isinyobo siyabamfamekisa ababona kakuhle yaye sinokuwagqwetha amazwi amalungisa.+
9 “Uze ungamcinezeli umphambukeli,+ njengoko niwazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.+
10 “Wowuhlwayela imbewu umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe imveliso yawo.+ 11 Kodwa ngowesixhenxe unyaka wowushiya ungalinywanga uze uwuyeke ube lifusi,+ ukuze adle kuwo amahlwempu abantu bakowenu; yaye okuseleyo kubo kuya kudliwa ngamarhamncwa asendle.+ Uze wenjenjalo ke kwisidiliya sakho nakwigcume lomnquma wakho.
12 “Uze uwenze umsebenzi wakho imihla emithandathu;+ kodwa uze uwuyeke ngomhla wesixhenxe, ukuze iphumle inkunzi yakho yenkomo ne-esile lakho, akhe azihlaziye unyana wekhobokazana lakho nomphambukeli.+
13 “Nize nizilinde kuko konke endikuthethileyo kuni;+ yaye nize ningalikhankanyi igama labanye oothixo. Malingaviwa emlonyeni wakho.+
14 “Uze ubhiyozele umthendeleko wam kathathu ngonyaka.+ 15 Umthendeleko wamaqebengwana angenagwele uze uwugcine.+ Wodla amaqebengwana angenagwele+ imihla esixhenxe, kanye njengoko ndakuyalelayo, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi,+ kuba waphuma ngayo eYiputa. Yaye mabangabonakali belambatha phambi kwam.+ 16 Uze wenze nomthendeleko wentlahlela yesivuno soko ukusebenzileyo,+ wakuhlwayela entsimini;+ nomthendeleko wokuhlanganisa ngasekupheleni konyaka, ekuhlanganiseni kwakho oko ukusebenzileyo entsimini.+ 17 Izihlandlo ezithathu ngonyaka mayibonakale yonke into eyindoda yakowenu phambi kweNkosi yokwenyaniso, uYehova.+
18 “Uze ungalibingeleli ndawonye nento enegwele igazi lombingelelo wam. Nenqatha lombingelelo wam malingahlali kude kuse.+
19 “Eyona intle kwintlahlela yomhlaba wakho uze uyizise endlwini kaYehova uThixo wakho.+
“Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.+
20 “Uyabona, ndithumela ingelosi+ phambi kwakho ukuba ikugcine endleleni ize ikuse endaweni endiyilungisileyo.+ 21 Lumka, ulithobele ilizwi layo. Ungabi nemvukelo kuyo, kuba ayiyi kukuxolela ukunxaxha kwenu;+ ngokuba igama lam likuyo. 22 Noko ke, ukuba uthe walithobela ilizwi layo, wakwenza konke endikuthethayo,+ ngokuqinisekileyo ndoba nobutshaba kwiintshaba zakho ndibabandezele abakubandezelayo.+ 23 Kuba ingelosi yam yohamba phambi kwakho, ikufikise ngenene kuma-Amori namaHiti namaPerizi namaKanan namaHivi namaYebhusi, ndiwatshayele kuthi tu.+ 24 Uze ungaqubudi koothixo babo, ungabakhonzi, yaye ungenzi nantoni na ngokwemisebenzi yabo,+ kodwa uze ubadilize, uzidilize neentsika zabo ezingcwele.+ 25 Nize nimkhonze uYehova uThixo wenu,+ wothi ke yena ngokuqinisekileyo asisikelele isonka senu namanzi enu;+ yaye ndosisusa ngenene isifo phakathi kwenu.+ 26 Akuyi kubakho mfazi uphuma isisu namfazi uludlolo ezweni lakho.+ Inani lemihla yakho ndolizalisa.+
27 “Ndiya kuzithumela phambi kwakho izothuso zam,+ ndibavusele isiphithiphithi bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele umva.+ 28 Ndithumele imvakalelo yokudakumba phambi kwakho,+ iwagxothe amaHivi namaKanan namaHiti asuke phambi kwakho.+ 29 Andiyi kuwagxotha ngonyaka omnye phambi kwakho, ukuze ilizwe lingabi yinkangala ephanzileyo aze ande amarhamncwa asendle phezu kwalo.+ 30 Ndiya kuwagxotha ngokuthe ngcembe phambi kwakho, ude uqhame, ulidle ilifa ilizwe.+
31 “Ndowumisa umda wakho uthabathele kuLwandle Olubomvu use kulwandle lwamaFilisti, uthabathele entlango use kuwo uMlambo;+ kuba ndobanikela esandleni sakho abemi belo lizwe, ubagxothe ngokuqinisekileyo phambi kwakho.+ 32 Uze ungenzi mnqophiso kunye nabo okanye noothixo babo.+ 33 Mabangahlali ezweni lakho, kuba hleze bakwenze undone. Ukuba uthe wabakhonza oothixo babo, oko koba ngumgibe kuwe.”+