Isaya
40 “Thuthuzelani, thuthuzelani abantu bam,” utsho uTHIXO wenu.+ 2 “Thethani kuyo iYerusalem+ nize nimemeze kuyo nithi inkonzo yayo yasemkhosini izalisekile,+ nithi isiphoso sayo sihlawulelwe.+ Kuba yamkele esandleni sikaYehova umlinganiselo opheleleyo ngezono zayo zonke.”+
3 Phulaphulani! Uthile uyamemeza entlango esithi:+ “Hlahlani indlela kaYehova!+ Wenzeni uthi tye uhola wendlela kaThixo wethu ethafeni eliyinkqantosi.+ 4 Zonke iintlambo maziphakanyiswe,+ nazo zonke iintaba neenduli zihliswe.+ Umhlaba oneendulana uya kuba ngumhlaba othe tyaba, nomhlaba omagqagala ube lithafa elisentlanjeni.+ 5 Yaye ngokuqinisekileyo ubuqaqawuli bukaYehova buya kutyhileka,+ yonke inyama ibubone,+ kuba umlomo kaYehova uthethile.”+
6 Phulaphula! Uthile uthi: “Memeza!”+ Omnye uthi: “Ndiya kumemeza ndithini na?”
“Yonke inyama iyingca eluhlaza, yaye bonke ububele bayo bothando bunjengentyatyambo yasendle.+ 7 Ingca eluhlaza yomile, intyatyambo ibunile,+ ngenxa yokuba umoya kaYehova uvuthuze kuyo.+ Ngokuqinisekileyo abantu bayingca eluhlaza.+ 8 Ingca eluhlaza yomile, intyatyambo ibunile;+ kodwa ke lona ilizwi loThixo wethu, liya kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo.”+
9 Nyuka uye entabeni ephakamileyo,+ wena mfazi uzisa iindaba ezilungileyo ngeZiyon.+ Liphakamise ngamandla ilizwi lakho, wena mfazi uzisa iindaba ezilungileyo ngeYerusalem.+ Liphakamise. Ungoyiki.+ Yithi kwizixeko zakwaYuda: “Nanku uThixo wenu.”+ 10 Khangela! INkosi enguMongami uYehova iya kuza kanye njengowomeleleyo, yaye ingalo yayo iya kulawula.+ Khangela! Umvuzo wayo unayo,+ nentlawulo eyihlawulayo iphambi kwayo.+ 11 Njengomalusi iya kuwalusa umhlambi wayo.+ Ngengalo yayo iya kuqokelela ndawonye amatakane;+ iya kuwathwala ngesifuba sayo.+ Ezo zanyisayo iya kuzikhaphela ngenyameko.+
12 Ngubani na olinganise amanzi kumphakathi wesandla sakhe,+ walinganisa amazulu ngomolulo weminwe+ waza waquka nothuli lomhlaba emlinganiselweni,+ okanye olinganise iintaba ngesalathisi sobunzima, neenduli ngezikali? 13 Ngubani na olinganise umoya kaYehova, yaye ngubani na onokuthi njengendoda emcebisayo amazise nantoni na?+ 14 Wabhungisana nabani na ukuze lowo abe nokumqondisa,+ okanye ngubani na omfundisa umendo wokusesikweni, okanye omfundisa ukwazi, okanye amazise indlela yokuqonda kokwenene?+
15 Khangela! Iintlanga zinjengethontsi e-emeleni; nanjengesuntswana lothuli ezikalini.+ Khangela! Uphakamisa iziqithi+ njengothuli nje olucolekileyo. 16 KwaneLebhanon ayikulingene ukugcina umlilo uvutha, nezilwanyana zayo zasendle+ azikulingene ukuba ngumnikelo otshiswayo.+ 17 Zonke iintlanga zinjengento engekhoyo phambi kwakhe;+ zigqalwe njengento engento nengeyonene kuye.+
18 Ningamfanisa nabani na uThixo,+ yaye ningabeka ntoni na enokufana naye ecaleni kwakhe?+ 19 Ingcibi ityhida umfanekiso oqingqiweyo,+ umnyibilikisi awaleke ngegolide,+ akhande imixokelelwane yesilivere.+ 20 Ukhetha umthi othile njengomnikelo, umthi ongabolanga.+ Uzifunela ingcibi enobuchule, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo+ ongenakushukunyiswa.+
21 Anazi na? Aniva na? Anixelelwanga na kwasekuqaleni? Anisebenzisanga kuqonda na ukususela kwasekusekweni komhlaba?+ 22 Kukho Lowo uhlala phezu kwesazinge somhlaba,+ abo bahlala kuwo banjengeentethe, Lowo waneka amazulu njengeyasuyasu elicikizekileyo, owatwabulula njengentente yokuhlala,+ 23 Lowo uthoba amagosa aphakamileyo angabi nto, owenze nabagwebi bomhlaba baba yinto nje engekhoyo.+
24 Babengekatyalwa; bengekahlwayelwa; nesiphunzi sabo singekamili iingcambu emhlabeni.+ Umntu angabavuthela nje kuphela baze bome;+ yaye isaqhwithi somoya siya kubathwala bemke njengeendiza.+
25 “Kodwa ningandifanisa nabani, ndilingane naye?” utsho Lowo Ungcwele.+ 26 “Phakamiselani amehlo enu phezulu nize nibone. Ngubani na odale ezi zinto?+ NguLowo uzisa umkhosi wazo kanye ngokwenani, uzibiza nangegama xa zizonke.+ Ngenxa yamandla amakhulu,+ kanjalo womelele ngamandla, akukho nanye esalayo.
27 “Kuba utsho ngasiphi na isizathu, wena Yakobi, nawe Sirayeli, ukuthi, ‘Indlela yam ifihlakele kuYehova,+ nokusesikweni kwam kuyadlula kuThixo wam?+ 28 Akwazi na okanye akuvanga na?+ UYehova, uMdali weziphelo zomhlaba, unguThixo ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Akadinwa okanye atyhafe.+ Akugocagocwa ukuqonda kwakhe.+ 29 Unika odiniweyo amandla;+ nalowo ungenamandla makhulu+ umenza aphuphume ukomelela okupheleleyo. 30 Amakhwenkwe aya kudinwa aze atyhafe, nabafana nakanjani na baya kukhubeka, 31 kodwa abo bathembela+ kuYehova baya kufumana amandla kwakhona.+ Baya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi.+ Baya kubaleka baze bangatyhafi; baya kuhamba bangadinwa.”+