Eksodus
34 Wathi uYehova kuMoses: “Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini njengawokuqala,+ ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abesemacwecweni okuqala,+ owawaphulayo.+ 2 Uze uzilungiselele kusasa, unyukele eNtabeni yeSinayi kusasa, ume ngakum khona apho encotsheni yentaba.+ 3 Kodwa makungabikho bani unyuka kunye nawe, yaye, makungabonwa bani kuyo yonke intaba.+ Ngaphezu koko, makungadli mhlambi wazimvu okanye mhlambi wankomo phambi kwentaba leyo.”+
4 Ngako oko wawaqingqa uMoses amacwecwe amatye amabini njengawokuqala waza wavuka ekuseni wanyuka waya eNtabeni yaseSinayi, kanye njengoko uYehova wayemyalele, ephethe esandleni sakhe amacwecwe amatye omabini. 5 Wehla uYehova+ esefini waza wema khona kunye naye, wavakalisa igama likaYehova.+ 6 UYehova wadlula phambi kobuso bakhe waza wavakalisa esithi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba+ nobabalo,+ ozeka kade umsindo,+ onobubele bothando obuninzi+ nenyaniso,+ 7 ogcinela amawaka ububele bothando,+ oxolela isiphoso nokunxaxha nesono,+ ongakhe amenze msulwa ofanelwe sisohlwayo,+ osivelelayo isiphoso sooyise koonyana nakubazukulwana, kwesesithathu isizukulwana nakwesesine isizukulwana.”+
8 Wakhawuleza uMoses wathoba emhlabeni waza waqubuda.+ 9 Wandula wathi: “Ukuba ndikholekile emehlweni akho, Yehova, nceda uhambe phakathi kwethu,+ kuba esi sizwana sintamo-lukhuni,+ ngoko ke sixolele isiphoso sethu nesono sethu,+ usenze ilifa lakho.”+ 10 Wathi yena: “Yabona, ndenza umnqophiso: Ndiya kwenza izinto ezimangalisayo phambi kwabantu bonke bakowenu, ezingazange zidalwe emhlabeni wonke, nasezintlangeni zonke;+ bonke abantu ophakathi kwabo bowubona ngenene umsebenzi kaYehova, ngokuba yinto eyoyikekayo endiya kuyenza kuwe.+
11 “Kugcine oko ndikuyalela kona namhlanje.+ Yabona ndowagxotha phambi kwakho ama-Amori namaKanan namaHiti namaPerizi namaHivi namaYebhusi.+ 12 Zilinde ukuba ungenzi mnqophiso nabemi belo zwe uya kulo,+ hleze ube ngumgibe phakathi kwakho.+ 13 Kodwa nize nizidilize izibingelelo zabo, nizaphule iintsika zabo ezingcwele, nizigawule nezibonda zabo ezingcwele.+ 14 Kuba akusayi kuqubuda komnye uthixo,+ ngokuba uYehova, ogama lakhe linguKhwele, unguThixo onekhwele;+ 15 kuba hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, njengoko ngokuqinisekileyo beya kuba neentlobano zokuziphatha okubi kunye noothixo babo,+ babingelele kwabo thixo babo,+ aze othile kubo akumeme ngokuqinisekileyo, uze uwudle ngokuqinisekileyo omnye wombingelelo wakhe.+ 16 Wandule uthabathele oonyana bakho+ ezintombini zabo, zize ngokuqinisekileyo iintombi zabo zibe neentlobano zokuziphatha okubi kunye noothixo bazo zize zibenze nabo oonyana bakho babe neentlobano zokuziphatha okubi kunye noothixo bazo.+
17 “Uze ungazenzeli izithixo ezityhidiweyo.+
18 “Umthendeleko wamaqebengwana angenagwele uze uwugcine.+ Uya kudla amaqebengwana angenagwele, kanye njengoko ndakuyalelayo, iintsuku zibe sixhenxe ngexesha elimisiweyo, ngenyanga enguAbhibhi,+ kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.
19 “Yonk’ into evula isibeleko kuqala yeyam,+ nawo onke amazibulo emfuyo yakho, nokuba ngawenkunzi yenkomo okanye awemvu.+ 20 Ke lona izibulo le-esile wolikhulula ngokulihlawulela ngemvu.+ Kodwa ukuba akuthanga ulihlawulele, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubahlawulela.+ Yaye mabangabonakali phambi kwam belambatha.+
21 “Wosebenza imihla emithandathu, kodwa ngomhla wesixhenxe uze ugcine isabatha.+ Ngexesha lokulima nelokuvuna uze ugcine isabatha.+
22 “Uze uqhubeke nomthendeleko wakho weeveki wentlahlela yesivuno sengqolowa,+ nomthendeleko wokuhlanganisa ngasekupheleni konyaka.+
23 “Izihlandlo ezithathu ngonyaka onke amadoda akowenu makabonakale+ phambi kweNKOSI yenyaniso, uYehova, uTHIXO kaSirayeli. 24 Kuba ndiya kuzigxotha iintlanga phambi kwakho,+ ndiwenze banzi ummandla wakho;+ linganqwenelwa nangubani ilizwe lakho ekunyukeni kwakho usiya kubona ubuso bukaYehova uThixo wakho izihlandlo ezithathu ngonyaka.+
25 “Uze ungawuxheli ndawonye nento enegwele umbingelelo wam wegazi.+ Nombingelelo womthendeleko wepasika uze ungahlali kude kuse.+
26 “Eyona intle kwintlahlela+ yomhlaba wakho uze uyizise endlwini kaYehova uThixo wakho.+
“Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.”+
27 Waqhubeka wathi uYehova kuMoses: “Wabhale phantsi la mazwi,+ kuba ngawo la mazwi ndenza umnqophiso kunye nawe noSirayeli.”+ 28 Wahlala apho ke kunye noYehova iintsuku ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane. Akadla sonka, akasela manzi.+ Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso lowo, aMazwi Alishumi.+
29 Kwenzeka ukuba ekuhleni kwakhe uMoses eNtabeni yaseSinayi abe amacwecwe omabini eSingqino ayesesandleni sikaMoses ekuhleni kwakhe entabeni,+ yaye uMoses wayengazi ukuba ulusu lobuso bakhe lwalukhazimla kuba ethethe naye.+ 30 Bathi uAron noonyana bonke bakaSirayeli bakumbona uMoses, khangela! ulusu lobuso bakhe luyakhazimla, baza boyika ukusondela kuye.+
31 Wababiza uMoses. Ngoko babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zendibano, waza wathetha nabo uMoses. 32 Emva koko basondela kuye bonke oonyana bakaSirayeli, wabayalela konke oko wayekuthethile kuye uYehova eNtabeni yaseSinayi.+ 33 Akugqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe.+ 34 Kodwa xa uMoses engena phambi koYehova esiya kuthetha naye, wayesisusa isigqubuthelo kude kube sekuphumeni kwakhe.+ Ekuphumeni kwakhe wayekuthetha koonyana bakaSirayeli oko wayekuyalelwe.+ 35 Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla;+ wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe wada wangena waya kuthetha naye.+