Hezekile
33 Laza ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu,+ uthi kubo,
“‘Ngokubhekisele kwilizwe eli, ukuba ndithe ndalizisela ikrele+ baza abantu belizwe, bebonke, okunene bathabatha indoda bayimisa yangumlindi wabo,+ 3 ngokwenene yalibona ikrele lisiza elizweni yaza yavuthela isigodlo ilumkisa abantu,+ 4 aze ovayo okunene asive isandi sesigodlo kodwa angasithabathi isilumkiso konke konke,+ lifike ke ikrele lize limsuse, igazi lakhe liya kuba phezu kwentloko yakhe.+ 5 Isandi sesigodlo usivile, kodwa akasithabatha isilumkiso. Igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe. Ukuba ebesithabathile isilumkiso, umphefumlo wakhe ngowawusindile.+
6 “‘Ngokubhekisele kumlindi ke, ukuba uthi alibone lisiza ikrele aze okunene angasivutheli isigodlo+ nabantu bangafumani silumkiso lize lifike ikrele lisuse umphefumlo wabo, umele ususwe wona ngenxa yesiphoso sawo,+ kodwa igazi lawo ndiya kulibiza esandleni somlindi lowo.’+
7 “Ngokubhekisele kuwe ke, nyana womntu, ndikwenze umlindi kwindlu kaSirayeli,+ yaye umele ulive emlonyeni wam ilizwi uze ubanike isilumkiso esivela kum.+ 8 Ndakuthi kongendawo, ‘Wena ungendawo, ngokuqinisekileyo uya kufa!’+ kodwa usuke wena ungamlumkisi ongendawo endleleni yakhe,+ yena ekubeni engendawo uya kufa ngesiphoso sakhe,+ kodwa igazi lakhe ndiya kulibiza esandleni sakho. 9 Kodwa ukuba uthe okunene wamlumkisa ongendawo endleleni yakhe ukuze abuye kuyo, waza okunene akabuya endleleni yakhe, uya kufa yena ngesiphoso sakhe,+ kodwa wena ngokuqinisekileyo uya kube uwuhlangule owakho umphefumlo.+
10 “Ngokubhekisele kuwe ke, nyana womntu, yithi kwindlu kaSirayeli, ‘Ngaloo ndlela nina nithe: “Ngenxa yokuba imvukelo yethu nezono zethu ziphezu kwethu yaye sibolela kuzo,+ ngoko, siya kuthini na ukuhlala siphila?”’+ 11 Yithi kubo, ‘“Ndiphila nje,” itsho iNkosi enguMongami uYehova, “andiyoliswa kukufa kongendawo,+ kodwa kukuba ongendawo abuye+ endleleni yakhe aze okunene ahlale ephila.+ Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi,+ kuba kutheni na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?”’+
12 “Wena ke, nyana womntu, yithi koonyana babantu bakowenu, ‘Ubulungisa belungisa abuyi kulihlangula ngemini yokuvukela kwalo.+ Kodwa ngokubhekisele kubungendawo bongendawo, akayi kukhutyekiswa bubo ngemini yokubuya kwakhe kubungendawo bakhe.+ Naye nabani na onobulungisa akayi kuhlala ephila ngenxa yabo ngemini yokona kwakhe.+ 13 Ndakuthi kulowo ulilungisa: “Ngokuqinisekileyo uya kuhlala uphila,” aze yena okunene akholose ngobulungisa bakhe enze okungekho sikweni,+ zonke izenzo zakhe zobulungisa aziyi kukhunjulwa, kodwa ngenxa yokungekho sikweni kwakhe akwenzileyo—ngenxa yoko uya kufa.+
14 “‘Ndakuthi ke kongendawo: “Ngokuqinisekileyo uya kufa,”+ aze okunene abuye esonweni sakhe,+ enze okusesikweni nobulungisa,+ 15 abuyise loo nto isisibambiso,+ abuyise into ethatyathwe ngokuphanga,+ okunene ahambe ngayo kanye imimiselo yobomi ngokuthi angenzi okungekho sikweni,+ ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila.+ Akayi kufa. 16 Akukho nasinye kwizono one ngazo esiya kukhunjulelwa kuye.+ Uqhubeke nokusesikweni nobulungisa. Ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila.’+
17 “Yaye oonyana babantu bakowenu bathe, ‘Indlela kaYehova ayilungiswanga kakuhle,’+ kodwa, yindlela yabo engalungiswanga kakuhle.
18 “Xa lowo ulilungisa ebuya ebulungiseni bakhe aze okunene enze okungekho sikweni, umele afe ngenxa yoko.+ 19 Naxa lowo ungendawo ebuya kubungendawo bakhe aze okunene aqhubeke nokusesikweni nobulungisa, uya kuhlala ephila ngenxa yezo zinto.+
20 “Nina ke nithe, ‘Indlela kaYehova ayilungiswanga kakuhle.’+ Ndiya kunigweba ngamnye ngokweendlela zakhe,+ ndlu kaSirayeli.”
21 Ethubeni kwenzeka ukuba ngonyaka weshumi elinesibini, ngeyeshumi inyanga, ngomhla wesihlanu enyangeni leyo sisekuthinjweni, kufike kum obalekileyo evela eYerusalem,+ esithi: “Isixeko sixatyelwe!”+
22 Ke kaloku sona kanye isandla sikaYehova saba phezu kwam ngokuhlwa ngaphambi kokufika kobalekileyo,+ wawuvula umlomo wam phambi kokuba lowo afike kum kusasa, wavuleka umlomo wam ndaza ndakwazi ukuthetha kwakhona.+
23 Laza ilizwi likaYehova lafika kum, lisithi: 24 “Nyana womntu, abemi bezi ndawo ziphanzileyo+ bathi ngokuphathelele umhlaba wakwaSirayeli, ‘UAbraham wayemnye kuphela ukanti walidla ilifa ilizwe.+ Thina sibaninzi; linikelwe kuthi ilizwe ukuba silidle ilifa.’+
25 “Ngoko ke yithi kubo, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Niqhubeka nisidla igazi,+ namehlo enu niqhubeka niwaphakamisela izithixo ezinezothe,+ niqhubeka niphalaza igazi.+ Ngaba nifanele nilidle ilifa na ilizwe?+ 26 Nixhomekeke ekreleni lenu.+ Nenze into ecekisekayo,+ yaye nenze inqambi elowo umfazi weqabane lakhe.+ Ngaba nifanele nilidle ilifa na ilizwe?”’+
27 “Ufanele utsho kubo ukuthi, ‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Ndiphila nje, ngokuqinisekileyo abo bakwiindawo eziphanzileyo baya kuwa likrele;+ nalowo usendle, ngokuqinisekileyo ndiya kumnikela erhamncweni abe kukutya;+ nabo bakwiindawo ezomeleleyo nasemiqolombeni+ baya kubulawa yindyikitya yokufa. 28 Okunene ilizwe ndiya kulenza libe yinkangala ephanzileyo,+ sona kanye isiphanziso, neqhayiya lamandla alo limele lipheliswe+ neentaba zakwaSirayeli zimele ziphanziswe,+ kungabikho bani udlulayo kuzo. 29 Baya kwazi ke ukuba ndinguYehova ndakulenza ilizwe libe yinkangala ephanzileyo,+ sona kanye isiphanziso, ngenxa yezinto zonke ezicekisekayo abazenzileyo.”’+
30 “Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu bathetha ngawe omnye komnye ngasezindongeni naseminyango yezindlu,+ omnye uthethe nomnye, ngamnye nomntakwabo, besithi, ‘Khanincede, nize, ukuze sive ukuba lithini na ilizwi eliphuma kuYehova.’+ 31 Baya kungena kuwe, njengokungena kwabantu, baze bahlale phambi kwakho njengabantu bam;+ yaye ngokuqinisekileyo baya kuweva amazwi akho kodwa abayi kuwenza,+ kuba ngemilomo yabo bavakalisa iminqweno yenkanuko kwaye intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo yokungekho sikweni.+ 32 Yaye, khangela! kubo unjengengoma yothando lwenkanuko yenyama, njengonelizwi elihle nodlala kakuhle umrhubhe.+ Ngokuqinisekileyo ke baya kuweva amazwi akho, kodwa bangawenzi.+ 33 Kothi ke kwakufika oko,+ bazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.”+