Daniyeli
7 Ngonyaka wokuqala kaBheleshatsare+ ukumkani waseBhabhiloni, uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esemandlalweni wakhe.+ Waza walibhala phantsi iphupha elo.+ Wachaza zonke iinkcukacha zalo. 2 Wathi ke uDaniyeli:
“Ndabona emibonweni yam ebusuku imimoya yomine+ yamazulu izamazamisa ulwandle olukhulu.+ 3 Kwaza kwavela amarhamncwa amakhulu amane+ ephuma elwandle,+ ngalinye lahlukile+ kwamanye.
4 “Elokuqala lalinjengengonyama,+ yaye lalinamaphiko okhozi.+ Ndithe ndisabukele suka amaphiko alo ancothulwa, laphakanyiswa emhlabeni+ laza lamiswa ngeenyawo ezimbini njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.+
5 “Ndabona elinye irhamncwa, elesibini, lona linjengebhere.+ Kwaye laphakanyiswa ngacala-nye,+ lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; yaye kwathiwa kulo, ‘Suka, udle inyama eninzi.’+
6 “Emva koko ndabona elinye irhamncwa, linjengehlosi,+ kodwa lalinamaphiko amane esidalwa esiphaphazelayo emhlana. Kwaye eli rhamncwa lalineentloko ezine,+ laza lanikwa igunya lokulawula.
7 “Kwakhona emibonweni yam yasebusuku ndabona irhamncwa lesine, eloyikekayo nelinkwantyisayo nelomelele ngokungaqhelekanga.+ Kwaye lalinamazinyo entsimbi, amakhulu. Laliqwenga lityumza, lize okuseleyo likunyathele ngeenyawo zalo. Lalahlukile kuwo onke amanye amarhamncwa awayephambi kwalo, yaye lalineempondo ezilishumi.+ 8 Ndaziqwalasela iimpondo zalo, ndabona kuvela olunye uphondo, oluncinane,+ phakathi kwazo, kwaza kwancothulwa ezintathu kwiimpondo zokuqala phambi kwalo. Yaye olu phondo lwalunamehlo anjengamehlo omntu, nomlomo othetha izinto ezinkulu.+
9 “Ndathi ndisabukele njalo, ndabona kubekwa+ iitrone waza uNyangelemihla+ wahlala phantsi. Isinxibo sakhe sasimhlophe njengekhephu,+ neenwele zentloko yakhe zazinjengoboya obucocekileyo.+ Itrone yakhe yayingamadangatye omlilo;+ amavili ayo ayengumlilo ovuthayo.+ 10 Kwakuqukuqela umsinga womlilo uphuma phambi kwakhe.+ Kwakukho amawaka aliwaka awayelungiselela phambi kwakhe,+ neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elalimi kanye phambi kwakhe.+ Yahlala phantsi iNkundla,+ kwaza kwavulwa iincwadi.
11 “Kwavakala isandi samazwi amakhulu awayethethwa luphondo;+ ndaza ndaqhubeka ndibukele lada labulawa irhamncwa nomzimba walo watshiswa ngomlilo.+ 12 Ke wona amanye amarhamncwa,+ ahluthwa amagunya awo okulawula, aza andiselwa ubomi okwethutyana.+
13 “Ndaqhubeka ndibona emibonweni yasebusuku, nanko kusiza ngamafu+ amazulu uthile onjengonyana womntu;+ waza wafikelela kuNyangelemihla,+ bamsondeza ke kanye phambi Kwakhe.+ 14 Wanikwa ulawulo+ nesidima+ nobukumkani,+ ukuze zonke izizwana neentlanga neelwimi zimkhonze.+ Ulawulo lwakhe lulawulo oluhlala ngokungenammiselo olungayi kudlula, nobukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.+
15 “Mna ke, Daniyeli, umoya wam wabandezeleka ngaphakathi ngenxa yoko, nemibono leyo yentloko yam yandothusa.+ 16 Ndasondela komnye wabo babemile, ukuze ndicele kuye inkcazelo enokuthenjwa ngako konke oku.+ Ke yena wandityhilela intsingiselo yoku, wathi kum,
17 “‘La marhamncwa makhulu mane,+ ngookumkani abane abaya kuvela emhlabeni.+ 18 Kodwa abangcwele+ baLowo uPhakamileyo+ baya kubuthabatha ubukumkani, buze ubukumkani+ babo buhlale buhleli ixesha elingenammiselo.’
19 “Ngoko ndanqwenela ukwazi ngerhamncwa lesine, elalahlukile kuwo onke amanye, lisoyikeka ngokungaqhelekanga, linamazinyo entsimbi, neenzipho zalo izezobhedu, elaliqwenga, lityumza, lize likunyathele ngeenyawo zalo okuseleyo;+ 20 ndandifuna ukwazi nangeempondo ezilishumi ezazisentlokweni yalo,+ nangolunye uphondo+ olwavelayo kwaza kwawa ezintathu phambi kwalo,+ lona kanye uphondo olwalunamehlo nomlomo othetha izinto ezinkulu,+ nolwalubonakala lulukhulu kunezinye.
21 “Ndalubona olo phondo lusilwa imfazwe nabangcwele, lwaboyisa,+ 22 kwada kwafika uNyangelemihla+ wabagwebela abangcwele baLowo uPhakamileyo,+ lafika nexesha eliqinisekileyo lokuba ubukumkani bube bobabo bangcwele.+
23 “Waqhubeka ke endichazela esithi, ‘Eli rhamncwa lesine bubukumkani besine obuya kubakho emhlabeni, obuya kwahluka kuzo zonke ezinye izikumkani; bona buya kuwuqwenga wonke umhlaba, buwunyathelele phantsi, buwutyumze.+ 24 Zona ke iimpondo ezilishumi ngookumkani abalishumi abaya kuvela kobo bukumkani;+ yaye kuya kuvela omnye emva kwabo; yena uya kwahluka kwabo bokuqala,+ aze oyise ookumkani abathathu.+ 25 Uya kuthetha amazwi anxamnye nOyena Uphakamileyo,+ ababandezele abangcwele baLowo uPhakamileyo.+ Yaye uya kuzimisela ukutshintsha amaxesha+ nomthetho,+ bona ke baya kunikelwa kuye okwexesha, namaxesha nesiqingatha sexesha.+ 26 Kambe ke iNkundla ngokwayo iya kuhlala phantsi,+ imhluthe ulawulo lwakhe, abhujiswe, atshatyalaliswe ngokupheleleyo.+
27 “‘Buya kwandula ke ubukumkani nolawulo nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke bunikwe abangcwele baLowo uPhakamileyo.+ Ubukumkani babo bubukumkani obuhlala ngokungenammiselo,+ yaye bonke abalawuli baya kubakhonza baze babathobele.’+
28 “Iphela apho ke le nkcazelo. Mna ke, Daniyeli, iingcamango zam zandothusa kakhulu, kangangokuba nebala lolusu lwam laguquka; kodwa yona le nkcazelo ndayigcina entliziyweni yam.”+