Imixholo YeBhayibhile Yengxubusho
1. IArmagedon
A. Imfazwe kaThixo yokuphelisa ubungendawo
Iintlanga zihlanganiselwa eArmagedon. ISi 16:14, 16
Kulwa uThixo, esebenzisa uNyana neengelosi. 2Te 1:6-9; ISi 19:11-16
Indlela esinokusinda ngayo. Zef 2:2, 3; ISi 7:14
B. Ayikuko okuchasene nothando lukaThixo
Ihlabathi lonakele gqitha. 2Ti 3:1-5
UThixo unomonde, kodwa okusesikweni kufuna inyathelo. 2Pe 3:9, 15; Luk 18:7, 8
Ongendawo makangabikho ukuze ilungisa lichume. IMi 21:18; ISi 11:18
2. UBalo-maxesha
A. Owe-1914 (C.E.) ukukuphela kwamaXesha eeNtlanga
Umnombo wezikumkani waphazanyiswa, ngowe-607 B.C.E. Hez 21:25-27
Kumele kudlule “amaxesha asixhenxe” ngaphambi kokubuyiselwa kolawulo. Dan 4:32, 16, 17
Isixhenxe = 2 × 3 1/2 amaxesha, okanye 2 × 1 260 imihla. ISi 12:6, 14; 11:2, 3
Umhla ube ngunyaka. [Kwenza 2 520 eminyaka] Hez 4:6; Num 14:34
Aqhube de kumiselwe uBukumkani. Luk 21:24; Dan 7:13, 14
3. IBandla
A. Ibandla lokomoya, lakhelwe kuKristu
UThixo akahlali zitempileni zenziwe ngabantu. IZe 17:24, 25; 7:48
Ibandla lenyaniso yitempile yokomoya yamatye aphilayo. 1Pe 2:5, 6
UKristu, lilitye lembombo; abapostile, sisiseko sesibini. Efe 2:20
UThixo ufanele anqulwe ngomoya nangenyaniso. Yoh 4:24
B. Ibandla alakhelwanga kuPetros
UYesu akatshongo ukuba ibandla lakhelwe kuPetros. Mat 16:18
UYesu ufaniswa ‘nolwalwa.’ 1Ko 10:4
UPetros ufanisa uYesu njengesiseko. 1Pe 2:4, 6-8; IZe 4:8-12
4. UBathathu Emnye
A. UThixo, uYise, nguMntu omnye, oyena mkhulu kwindalo iphela
UThixo akangobantu bathathu. Dut 6:4; Mal 2:10; Mar 10:18; Rom 3:29, 30
UNyana wadalwa; uThixo wayeyedwa ngaphambili. ISi 3:14; Kol 1:15; Isa 44:6
UThixo ngumlawuli wendalo iphela ngamaxesha onke. Fil 2:5, 6; Dan 4:35
UThixo umele aphakanyiswe ngaphezu kwabo bonke. Fil 2:10, 11
B. UNyana ungaphantsi kuYise ngaphambi nasemva kokuza emhlabeni
UNyana wathobela ezulwini, wathunyelwa nguYise. Yoh 8:42; 12:49
Wathobela emhlabeni, uYise mkhulu. Yoh 14:28; 5:19; Heb 5:8
Waphakanyiswa ezulwini, usengaphantsi. Fil 2:9; 1Ko 15:28; Mat 20:23
UYehova nguThixo nentloko kaKristu. 1Ko 11:3; Yoh 20:17; ISi 1:6
C. Ubunye bukaThixo noKristu
Basoloko bevisisana ngokupheleleyo. Yoh 8:28, 29; 14:10
Ubunye, obunjengobendoda nomfazi. Yoh 10:30; Mat 19:4-6
Onke amakholwa amele abe nobunye obufanayo. Yoh 17:20-22; 1Ko 1:10
Unqulo olunye lukaYehova ngoKristu ngonaphakade. Yoh 4:23, 24
D. Umoya oyingcwele kaThixo ungamandla akhe asebenzayo
Ungamandla, awungomntu. Mat 3:16; Yoh 20:22; IZe 2:4, 17, 33
Awungomntu ezulwini noThixo kwanoKristu. IZe 7:55, 56; ISi 7:10
Walathiswa nguThixo ukuphumeza iinjongo. Nd 104:30; 1Ko 12:4-11
Abakhonza uThixo bayawufumana, ubakhokele. 1Ko 2:12, 13; Gal 5:16
5. UBhaptizo
A. Imfuneko kumaKristu
UYesu wamisela umzekelo. Mat 3:13-15; Heb 10:7
Umfuziselo wokuzincama okanye wokuzahlulela. Mat 16:24; 1Pe 3:21
Lolwabakhule ngokwaneleyo ukuba bafundiswe. Mat 28:19, 20; IZe 2:41
Untywiliselo emanzini yindlela eyiyo. IZe 8:38, 39; Yoh 3:23
B. Alususi zono
UYesu akabhaptizelwanga ukususa izono. 1Pe 2:22; 3:18
Igazi likaYesu lisusa izono. 1Yo 1:7
6. IBhayibhile
A. ILizwi likaThixo liphefumlelwe
Abantu bashukunyiswa ngumoya kaThixo ukubhala. 2Pe 1:20, 21
Iqulethe iziprofeto: Dan 8:5, 6, 20-22; Luk 21:5, 6, 20-22; Isa 45:1-4
IBhayibhile iphela iphefumlelwe ibe inengenelo. 2Ti 3:16, 17; Rom 15:4
B. Lukhokelo olusebenzisekayo lomhla wethu
Ukutyeshela imigaqo yeBhayibhile kuyabulala. Rom 1:28-32
Ayithatyathelwa indawo bubulumko bomntu. 1Ko 1:21, 25; 1Ti 6:20
Iyinkuselo kolona tshaba lunamandla. Efe 6:11, 12, 17
Ikhokela umntu kwindlela eyiyo. Nd 119:105; 2Pe 1:19; IMi 3:5, 6
C. Ibhalelwe abantu bazo zonke iintlanga nezizwe
Ukubhalwa kweBhayibhile kwaqalwa eMpuma. Eks 17:14; 24:12, 16; 34:27
Lilungiselelo likaThixo lingelilo nje elabeLungu. Rom 10:11-13; Gal 3:28
UThixo wamkela abantu bonke. IZe 10:34, 35; Rom 5:18; ISi 7:9, 10
7. UBomi
A. Kuqinisekiswe ubomi obungunaphakade kuluntu oluthobelayo
UThixo, ongenakuxoka, uthembise ubomi. Tit 1:2; Yoh 10:27, 28
Abanokholo baqinisekiswe ngobomi obungunaphakade. Yoh 11:25, 26
Ukufa kuya kubhangiswa. 1Ko 15:26; ISi 21:4; 20:14; Isa 25:8
B. Ubomi basezulwini bupheleliselwe kwabakumzimba kaKristu
UThixo ukhetha amalungu akholwa ngawo. Mat 20:23; 1Ko 12:18
Kuphela li-144 000 elithatyathwe emhlabeni. ISi 14:1, 4; 7:2-4; 5:9, 10
NoYohane umBhaptizi akabalwa kuBukumkani basezulwini. Mat 11:11
C. Ubomi emhlabeni buthenjiswe inani elingalinganiselwanga, “ezinye izimvu”
Inani elilinganiselweyo linoYesu emazulwini. ISi 14:1, 4; 7:2-4
“Ezinye izimvu” azingobazalwana bakaKristu. Yoh 10:16; Mat 25:32, 40
Ngoku uninzi luhlanganiselwa ukusinda emhlabeni. ISi 7:9, 15-17
Abanye bavuselwa kubomi basemhlabeni. ISi 20:12; 21:4
8. UBukumkani
A. Oko uBukumkani bukaThixo buya kukwenzela uluntu
Buya kubangela ukwenziwa kokuthanda kukaThixo. Mat 6:9, 10; Nd 45:6; ISi 4:11
Ngurhulumente onokumkani nemithetho. Isa 9:6, 7; 2:3; Nd 72:1, 8
Buphelise ubungendawo, bulawule umhlaba wonke. Dan 2:44; Nd 72:8
Ulawulo lwe-1 000 leminyaka lokubuyisa uluntu, iParadesi. ISi 21:2-4; 20:6
B. Buqalisa ukusebenza zisekho iintshaba zikaKristu
Akuvuswa uKristu walinda ithuba elide. Nd 110:1; Heb 10:12, 13
Uyalawula, ulwa noSathana. Nd 110:2; ISi 12:7-9; Luk 10:18
UBukumkani bamiselwa ngoko, kulandela ooyeha bomhlaba. ISi 12:10, 12
Inkathazo ngoku lixesha lokumela uBukumkani. ISi 11:15-18
C. Abukho ‘zintliziyweni,’ abuveliswanga ngemigudu yabantu
UBukumkani busezulwini, kungekhona emhlabeni. 2Ti 4:18; 1Ko 15:50; Nd 11:4
Abukho ‘zintliziyweni’; uYesu watsho kubaFarisi. Luk 17:20, 21
Abuyiyo tu inxalenye yeli hlabathi. Yoh 18:36; Luk 4:5-8; Dan 2:44
Buthabathel’ indawo oorhulumente nemilinganiselo yehlabathi. Dan 2:44
9. UkuBuya KukaKristu
A. Ukubuya akubonakali ebantwini
Waxelela abafundi ihlabathi lalingayi kuba sambona. Yoh 14:19
Kuphela ngabafundi ababona unyuko; kunjalo nokubuya. IZe 1:6,10, 11
Ezulwini, ungumoya ongabonakaliyo. 1Ti 6:14-16; Heb 1:3
Ubuya ekumandla oBukumkani bezulu. Dan 7:13, 14
B. Kuqondwa ngezibakala ezibonakalayo
Abafundi babuza umqondiso wobukho. Mat 24:3
AmaKristu “abona” ubukho ngengqiqo. Efe 1:18
Iziganeko ezininzi bubungqina bobukho. Luk 21:10, 11
Iintshaba “zibona” ekufikeni kwentshabalalo. ISi 1:7
10. InDalo
A. Ivumelana nenzululwazi engqiniweyo; ayingqinelani nendaleko
Inzululwazi ivumelana nenkqubo yendalo. Gen 1:11, 12, 21, 24, 25
Imithetho kaThixo ‘engohlobo’ iyinyaniso. Gen 1:11, 12; Yak 3:12
B. Iintsuku zokudala aziyomihla yama-24 eeyure
“Usuku” lusenokuthetha nje isihlandlo sexesha. Gen 2:4
KuThixo imini isenokuba lixesha elide. Nd 90:4; 2Pe 3:8
11. UkuFa
A. Unobangela wokufa
Umntu wayenesiqalo semfezeko, ithemba lobomi obungenasiphelo. Gen 1:28, 31
Ukungathobeli kwezisa isigwebo sokufa. Gen 2:16, 17; 3:17, 19
Isono nokufa kudlulele kubo bonke abantwana baka-Adam. Rom 5:12
B. Imeko yabafi
UAdam wenziwa wangumphefumlo, akawunikwanga. Gen 2:7; 1Ko 15:45
Ngumntu, umphefumlo, ofayo. Hez 18:4; Isa 53:12; Yob 11:20
Abafi abakho zingqondweni, abazi nto. INt 9:5, 10; Nd 146:3, 4
Abafi balele belindele uvuko. Yoh 11:11-14, 23-26; IZe 7:60
C. Ukuthetha nabafi kuyinto engenakwenzeka
Abafi abaphili noThixo njengemimoya. Nd 115:17; Isa 38:18
Silunyukisiwa ngokuzama ukuthetha nabafi. Isa 8:19; Lev 19:31
Oosiyazi, abaxeli-thamsanqa, bayagwetywa. Dut 18: 10-12; Gal 5:19-21
12. ImiFanekiso
A. Ukusebenzisa imifanekiso eqingqiweyo kunqulo lugculelo kuThixo
Awunakwenzeka umfanekiso kaThixo. 1Yo 4:12; Isa 40:18; 46:5; IZe 17:29
AmaKristu alunyukiswa ngemifanekiso. 1Ko 10:14; 1Yo 5:21
UThixo umele anqulwe ngomoya, ngenyaniso. Yoh 4:24
B. Ukunqula imifanekiso kwalubulala uhlanga lwakwaSirayeli
Ukunqula imifanekiso kwakwalelwe kumaYuda. Eks 20:4, 5
Ayiva, ayithethi; abayenzayo baba njengayo. Nd 115:4-8
Yezisa umgibe, intshabalalo. Nd 106:36, 40-42; Yer 22:8, 9
C. Unqulo “olulinganiselweyo” aluvumelekanga
UThixo wakwala ukunqulwa ‘ngokulinganiselweyo.’ Isa 42:8
UThixo ukuphela ‘koMphulaphuli womthandazo.’ Nd 65:1, 2
13. IGazi
A. Ukulitofela kukuvukela ubungcwele begazi
UNowa waxelelwa ukuba igazi lingcwele, libubomi. Gen 9:4, 16
UMnqophiso woMthetho wakwalela ukudla igazi. Lev 17:14; 7:26, 27
Isalelo saphindwa kumaKristu. IZe 15:28, 29; 21:25
B. Ukufuna ukusindis’ ubomi akukuthetheleli ukwaphulwa komthetho kaThixo
Ukuthobela kulungile kunombingelelo. 1Sa 15:22; Mar 12:33
Ukuxabisa ubomi kunomthetho kaThixo kuyabulala. Mar 8:35, 36
14. UmHlaba
A. Injongo kaThixo ngomhlaba
Abantu abafezekileyo benzelwa iParadesi emhlabeni. Gen 1:28; 2:8-15
Injongo kaThixo iqinisekile. Isa 55:11; 46:10, 11
Umhlaba uza kuzaliswa ngabantu abanoxolo nabafezekileyo. Isa 45:18; Nd 72:7; Isa 9:6,7
IParadesi yobuyiselwa buBukumkani. Mat 6:9, 10; ISi 21:3-5
B. Awusayi kuze utshatyalaliswe okanye ungabi nabemi
Umhlaba wokoqobo umi ngokusisigxina. INt 1:4; Nd 104:5
Luluntu lomhla kaNowa olwatshabalalayo, kungekhona umhlaba. 2Pe 3:5-7; Gen 7:23
Umzekelo onikela ithemba lokusinda kumhla wethu. Mat 24:37-39
Abangendawo botshabalala; “isihlwele esikhulu” sosinda. 2Te 1:6-9; ISi 7:9, 14
15. ImiHla Yokugqibela
A. Sithetha ntoni “isiphelo sehlabathi”
Ukupheliswa kwenkqubo yezinto. Mat 24:3; 2Pe 3:5-7; Mar 13:4
Asikokupheliswa komhlaba, koko kwenkqubo engendawo. 1Yo 2:17
Ixesha lesiphelo landulela intshabalalo. Mat 24:14
Kusinda amalungisa; kulandele ihlabathi elitsha. 2Pe 2:9; ISi 7:14-17
B. Imfuneko yokuphaphela imiqondiso yemihla yokugqibela
UThixo usinika imiqondiso yokusikhokela. 2Ti 3:1-5; 1Te 5:1-4
Ihlabathi alibuqondi ubunzulu boku. 2Pe 3:3, 4, 7; Mat 24:39
UThixo akacothi, koko unikela isilumkiso. 2Pe 3:9
Umvuzo wokuba ngabaphaphileyo, wokuxhalaba. Luk 21:34-36
16. IsiHogo (IHadesi, IShiyol)
A. Asindawo yokoqobo yentuthumbo yomlilo
UYobhi owayeneentlungu wathandazela ukuya apho. Yob 14:13
Indawo yokungasebenzi. Nd 6:5; INt 9:10; Isa 38:18, 19
UYesu wavuswa engcwabeni, esihogweni. IZe 2:27, 31, 32; Nd 16:10
Isihogo sobakhupha abanye abafi, sitshatyalaliswe. ISi 20:13, 14
B. Umlilo ngumfuziselo wokutshatyalaliswa
Ukunqunyulwa ekufeni kufuziselwa ngomlilo. Mat 25:41, 46; 13:30
Abangendawo abangaguqukiyo bobhangiswa ngonaphakade ngokungathi kungomlilo. Heb 10:26, 27
“Ukuthuthunjiswa” kukaSathana ngomlilo kukufa ngonaphakade. ISi 20:10, 14, 15
C. Ingxelo yendoda esisityebi noLazaro asibobungqina bentuthumbo kanaphakade
Umlilo nesifuba sika-Abraham asizozinto zokoqobo. Luk 16:22-24
Inkoliseko ka-Abraham ikwathelekiswa nobumnyama. Mat 8:11, 12
Ukubhangiswa kweBhabhiloni kuthiwa yintuthumbo yomlilo. ISi 18:8-10, 21
17. IiHolide, Imihla Yokuzalwa
A. Imihla yokuzalwa, iKrismesi, zazingagcinwa ngamaKristu okuqala
Zagcinwa ngabangengobanquli bokwenyaniso. Gen 40:20; Mat 14:6
Kumelwe kukhunjulwe umhla wokufa kukaYesu. Luk 22:19, 20; 1Ko 11:25, 26
Amatheko akrwada akafaneleki. Rom 13:13; Gal 5:21; 1Pe 4:3
18. UmLungiseleli
A. Onke amaKristu amele abe ngabalungiseleli
UYesu wayengumlungiseleli kaThixo. Rom 15:8, 9; Mat 20:28
AmaKristu alandela umzekelo wakhe. 1Pe 2:21; 1Ko 11:1
Amele ashumayele ukufeza ubulungiseleli. 2Ti 4:2, 5; 1Ko 9:16
B. Iimfaneleko zobulungiseleli
Umoya kaThixo nolwazi lweLizwi lakhe. 2Ti 2:15; Isa 61:1-3
Landela umzekelo kaKristu wokushumayela. 1Pe 2:21; 2Ti 4:2, 5
UThixo uqeqesha ngomoya, ngentlangano. Yoh 14:26; 2Ko 3:1-3
19. UkuMiselwa Kwangaphambili Kwekamva
A. Umntu akalimiselwanga kwangaphambili ikamva
Injongo kaThixo iqinisekile. Isa 55:11; Gen 1:28
Abantu banikwe ukhetho lokukhonza uThixo. Yoh 3:16; Fil 2:12
20. UMoya, Ukusebenzelana Nemimoya
A. Into oyiyo umoya oyingcwele
Ngamandla kaThixo asebenzayo, asingomntu. IZe 2:2, 3, 33; Yoh 14:17
Wasetyenziswa endalweni, ekuphefumlelweni kweBhayibhile, njl. Gen 1:2; Hez 11:5
Uzala, uthambise, amalungu omzimba kaKristu. Yoh 3:5-8; 2Ko 1:21, 22
Womeleza, ukhokele abantu bakaThixo namhla. Gal 5:16, 18
B. Amandla obomi abizwa ngokuba ngumoya
Ngokusisiseko ubomi, buxhaswa ngokuphefumla. Yak 2:26; Yob 27:3
Igunya lamandla obomi likuThixo. Zek 12:1; INt 8:8
Amandla obomi abantu, ezilo, ngakaThixo. INt 3:19-21
Umoya unikelwa kuThixo ngethemba lovuko. Luk 23:46
C. Ukusebenzelana nemimoya makucekiswe njengomsebenzi weedemon
ILizwi likaThixo liyakwalela. Isa 8:19, 20; Lev 19:31; 20:6, 27
Ukuxel’ ithamsanqa bubudemon; kuyagwetywa. IZe 16:16-18
Kukhokelela kwintshabalalo. Gal 5:19-21; ISi 21:8; 22:15
Ukujong’ iinkwenkwezi kuyalelwa. Dut 18:10-12; Yer 10:2
21. UMtyholi, Iidemon
A. UMtyholi ngumntu ongumoya
Akabobubi obusemntwini kodwa ngumntu ongumoya. 2Ti 2:26
UMtyholi ungumntu kanye njengeengelosi. Mat 4:1, 11; Yob 1:6
Wazenza uMtyholi ngokuba nomnqweno ophosakeleyo. Yak 1:13-15
B. UMtyholi ungumlawuli ongabonakaliyo wehlabathi
Ihlabathi ulilawula njengothixo. 2Ko 4:4; 1Yo 5:19; ISi 12:9
Uvunyelwe ukubakho de kuzinziswe imbambano. Eks 9:16; Yoh 12:31
Uza kuphoswa enzonzobileni, aze atshatyalaliswe. ISi 20:2, 3, 10
C. Iidemon ziziingelosi ezinemvukelo
Zathelela uSathana ngaphambi koNogumbe. Gen 6:1, 2; 1Pe 3:19, 20
Zithotyiwe, zakhutshwa kuko konke ukukhanya. 2Pe 2:4; Yude 6
Zilwa noThixo, zicinezela uluntu. Luk 8:27-29; ISi 16:13, 14
Ziza kutshabalala noSathana. Mat 25:41; Luk 8:31; ISi 20:2, 3, 10
22. UbuNgendawo, Ukubandezeleka Kwehlabathi
A. Lowo unetyala ngokubandezeleka kwehlabathi
Ulawulo olungendawo ngunobangela wobubi banamhla. IMi 29:2; 28:28
Umlawuli wehlabathi ulutshaba lukaThixo. 2Ko 4:4; 1Yo 5:19; Yoh 12:31
Ooyeha beziswa nguMtyholi, ixesha lifutshane. ISi 12:9, 12
UMtyholi uza kukhonkxwa, kulandele uxolo oluzukileyo. ISi 20:1-3; 21:3, 4
B. Isizathu sokuvunyelwa kobungendawo
UMtyholi wacel’ umngeni ukunyaniseka kwezidalwa kuThixo. Yob 1:11, 12
Abathembekileyo banikwa ithuba lokuzingqina benyanisekile. Rom 9:17; IMi 27:11
UMtyholi ungqineke elixoki, imbambano iza kuzinziswa. Yoh 12:31
Abathembekileyo bavuzwa ngobomi obungunaphakade. Rom 2:6, 7; ISi 21:3-5
C. Ixesha elandisiweyo lesiphelo lilungiselelo lenceba
Njengakumhla kaNowa, kufun’ ixesha ukulumkisa. Mat 24:14, 37-39
UThixo akacothi, kodwa unenceba. 2Pe 3:9; Isa 30:18
IBhayibhile isinceda singaqutyulwa. Luk 21:36; 1Te 5:4
Lifune ngoku ilungiselelo likaThixo lenkuselo. Isa 2:2-4; Zef 2:3
D. Isicombululo ekubandezelekeni kwehlabathi asiphumi bantwini
Abantu banoloyiko olukhulu, badidekile. Luk 21:10, 11; 2Ti 3:1-5
UBukumkani bukaThixo, hayi abantu, bophumelela. Dan 2:44; Mat 6:10
Ukuze uphile, funa ukuba seluxolweni noKumkani ngoku. Nd 2:9, 11, 12
23. AmaNgqina KaYehova
A. Imvelaphi yamaNgqina kaYehova
UYehova ufanisa awakhe amangqina. Isa 43:10-12; Yer 15:16
Umnombo wamangqina athembekileyo waqala ngoAbheli. Heb 11:4, 39; 12:1
UYesu wayelingqina elithembekileyo nelenyaniso. Yoh 18:37; ISi 1:5; 3:14
24. UkuNikela Ubungqina
A. Onke amaKristu amele anikele ubungqina, avakalise iindaba ezilungileyo
Amele amvume uYesu phambi kwabantu ukuze akholeke. Mat 10:32
Amele abe ngabenzi beLizwi, ebonakalisa ukholo. Yak 1:22-24; 2:24
Nabasebatsha, bafanele babe ngabafundisayo. Mat 28:19, 20
Ukuvakalisa ekuhleni kuzisa usindiso. Rom 10:10
B. Imfuneko yokutyelela ngokuphindiweyo nokuqhubeka nobungqina
Kumele kunikelwe isilumkiso sesiphelo. Mat 24:14
UYeremiya wavakalisa isiphelo seYerusalem kangangeminyaka. Yer 25:3
NjengamaKristu okuqala, asinakuyeka. IZe 4:18-20; 5:28, 29
C. Simele sinikele ubungqina ukuze sibe msulwa kwityala legazi
Simele silumkise ngesiphelo esizayo. Hez 33:7; Mat 24:14
Ukusilela ukwenjenjalo kuzisa ityala legazi. Hez 33:8, 9; 3:18, 19
UPawulos wayekhululekile kwityala legazi; wayithetha ngokupheleleyo inyaniso. IZe 20:26, 27; 1Ko 9:16
Kusindisa ingqina kwanalowo uphulaphulayo. 1Ti 4:16; 1Ko 9:22
25. INkcaso, INtshutshiso
A. Isizathu sokutshutshiswa kwamaKristu
UYesu wathiywa, waxela kwangaphambili inkcaso. Yoh 15:18-20; Mat 10:22
Ukunamathela kwimigaqo elungileyo kumangalela ihlabathi. 1Pe 4:1, 4, 12, 13
USathana, uthixo wale nkqubo, uchasa uBukumkani. 2Ko 4:4; 1Pe 5:8
UmKristu akoyiki, uThixo uyamomeleza. Rom 8:38, 39; Yak 4:8
B. Umfazi akafanele avumele indoda imahlule noThixo
Kwalunyukiswa; abanye bangayixokisa. Mat 10:34-38; IZe 28:22
Umele akhangele kuThixo noKristu. Yoh 6:68; 17:3
Ngokuthembeka unokuyisindisa nayo. 1Ko 7:16; 1Pe 3:1-6
Indoda yintloko, kodwa ayinakugqiba ngonqulo. 1Ko 11:3; IZe 5:29
C. Indoda ayifanele ivumele umfazi ayithintele ekukhonzeni uThixo
Imele ithande umfazi nentsapho, ibanqwenelele ubomi. 1Ko 7:16
Inembopheleleko ngezigqibo, ngokondla. 1Ko 11:3; 1Ti 5:8
UThixo uthanda indoda emela inyaniso. Yak 1:12; 5:10, 11
Ukulalanisa ngenxa yoxolo akumkholisi uThixo. Heb 10:38
Ikhokelela intsapho kulonwabo kwihlabathi elitsha. ISi 21:3, 4
26. UmNqamlezo
A. UYesu waxhonywa kwisibonda sokubulala ukuze angcikivwe
UYesu waxhonywa kwisibonda okanye emthini wokubulala. IZe 5:30; 10:39; Gal 3:13
AmaKristu amele athwale isibonda njengongcikivo. Mat 10:38; Luk 9:23
B. Awufanele unqulwe
Ukubonisa ekuhleni ngesibonda sikaYesu lungcikivo. Heb 6:6; Mat 27:41, 42
Ukusebenzisa umnqamlezo kunqulo lunqulo-zithixo. Eks 20:4, 5; Yer 10:3-5
UYesu ngumoya, akasaxhonywanga sibondeni. 1Ti 3:16; 1Pe 3:18
27. UkuNqula UMariya
A. UMariya ngunina kaYesu, hayi “unina kaThixo”
UThixo akanasiqalo. Nd 90:2; 1Ti 1:17
UMariya wayengunina woNyana kaThixo, xa wayesemhlabeni. Luk 1:35
B. UMariya “akahlalanga eyintombi enyulu”
Watshata noYosefu. Mat 1:19, 20, 24, 25
Waba nabanye abantwana ngaphandle koYesu. Mat 13:55, 56; Luk 8:19-21
Aba “babengengobazalwana bakhe bokomoya” ngelo xesha. Yoh 7:3, 5
28. UNqulo
A. Lunye kuphela unqulo lokwenyaniso
Linye ithemba, lunye ukholo, lunye ubhaptizo. Efe 4:5, 13
Uthumo kukwenza abafundi. Mat 28:19; IZe 8:12; 14:21
Luqondwa ngeziqhamo zalo. Mat 7:19, 20; Luk 6:43, 44; Yoh 15:8
Uthando nokuvumelana kumalungu alo. Yoh 13:35; 1Ko 1:10; 1Yo 4:20
B. Imfundiso yobuxoki igwetywa ngokufanelekileyo
UYesu wayigweba imfundiso yobuxoki. Mat 23:15, 23, 24; 15:4-9
Wakwenza oko ukukhusela abamfamekileyo. Mat 15:14
Inyaniso yabakhulula bangabafundi bakaYesu. Yoh 8:31, 32
C. Ukuguqula unqulo lukabani kuyimfuneko xa lungqinwa luphosisile
Inyaniso iyakhulula; ingqina abaninzi bephosisile. Yoh 8:31, 32
AmaSirayeli nabanye bashiya unqulo lwakuqala. Yos 24:15; 2Ku 5:17
AmaKristu okuqala aguqula iimbono. Gal 1:13, 14; IZe 3:17, 19
UPawulos waguqula unqulo lwakhe. IZe 26:4-6
Ihlabathi lonke likhohlisiwe; umele ahlaziye ingqiqo. ISi 12:9; Rom 12:2
D. Okubonakala “ikukulunga kwiinkonzo zonke” akuqinisekisi ngenkoliseko kaThixo
UThixo umisela umlinganiselo wonqulo. Yoh 4:23, 24; Yak 1:27
Akulunganga ukuba akuvisisani nokuthanda kukaThixo. Rom 10:2, 3
“Imisebenzi elungileyo” inokucekiswa. Mat 7:21-23
Luqondwa ngeziqhamo. Mat 7:20
29. UNqulo Lweminyanya
A. Unqulo lweminyanya lulilize
Ookhokho bafile, abakho zingqondweni. INt 9:5, 10
Ookhokho bakuqala abakufanelekelanga ukunqulwa. Rom 5:12, 14; 1Ti 2:14
UThixo uyalwalela unqulo olunjalo. Eks 34:14; Mat 4:10
B. Abantu banokubekwa, kodwa nguThixo kuphela omakanqulwe
Ulutsha lufanele lubeke abantu abakhulu. 1Ti 5:1, 2, 17; Efe 6:1-3
Kodwa nguThixo kuphela omakanqulwe. IZe 10:25, 26; ISi 22:8, 9
30. INtlawulelo
A. Ubomi bukaYesu bobuntu baba ‘yintlawulelo yabo bonke’
UYesu wanikela ngobomi bakhe ukuze bube yintlawulelo. Mat 20:28
Ixabiso legazi elaphalalayo linika inkululo kwisono. Heb 9:14, 22
Idini elinye lanela ixesha lonke. Rom 6:10; Heb 9:26
Iingenelo azizenzekeli; imele yamkelwe. Yoh 3:16
B. Yayilixabiso elilingeneyo
UAdam wadalwa efezekile. Dut 32:4; INt 7:29; Gen 1:31
Walahla imfezeko yakhe neyabantwana bakhe ngesono. Rom 5:12, 18
Abantwana babengenakuzinceda; kwafuneka olingana ncam noAdam. Nd 49:7; Dut 19:21
Ubomi bobuntu obufezekileyo bukaYesu yintlawulelo. 1Ti 2:5, 6; 1Pe 1:18, 19
31. UmPhefumlo
A. Into oyiyo umphefumlo
Umntu ungumphefumlo. Gen 2:7; 1Ko 15:45; Yos 11:11; IZe 27:37
Nezilwanyana ziyimiphefumlo. Num 31:28; ISi 16:3; Lev 24:18
Umphefumlo unegazi, uyatya, unokufa. Yer 2:34; Lev 7:18; Hez 18:4
Umntu onobomi, kuthiwa unomphefumlo. Mar 8:36; Yoh 10:15
B. Umahluko phakathi komphefumlo nomoya
Ubomi njengomntu nesidalwa ngumphefumlo. Yoh 10:15; Lev 17:11
Amandla obomi ashukumisa imiphefumlo ‘ngumoya.’ Nd 146:4; 104:29
Ekufeni, amandla obomi abuyela kuThixo. INt 12:7
NguThixo kuphela onokwenza amandla obomi asebenze. Hez 37:12-14
32. UkuPhilisa, Iilwimi
A. Ukuphilisa kokomoya kuneengenelo ezihlala zihleli
Ukugula ngokomoya kuyabulala. Isa 1:4-6; 6:10; Hos 4:6
Ukuphilisa kokomoya kuluthumo oluphambili. Yoh 6:63; Luk 4:18
Kushenxisa izono; kunika ulonwabo nobomi. Yak 5:19, 20; ISi 7:14-17
B. UBukumkani bukaThixo bowuphilisa ngokusisigxina umzimba
UYesu waphilisa iziphene, washumayela iintsikelelo zoBukumkani. Mat 4:23
UBukumkani bathenjiswa njengonyango olusisigxina. Mat 6:10; Isa 9:7
Kwanokufa kuya kubhangiswa. 1Ko 15:25, 26; ISi 21:4; 20:14
C. Ukuphilisa ngokholo kwezi mini akunabungqina benkoliseko kaThixo
Abafundi abaziphilisanga ngommangaliso. 2Ko 12:7-9; 1Ti 5:23
Izipho zemimangaliso zaphela emva komhla wabapostile. 1Ko 13:8-11
Ukuphilisa asibobungqina buqinisekileyo benkoliseko kaThixo. Mat 7:22, 23; 2Te 2:9-11
D. Ukuthetha ngeelwimi kwakulilungiselelo lexeshana kuphela
Kwakungumqondiso; kwakumele kufunwe izipho ezikhulu. 1Ko 14:22; 12:30, 31
Izipho ezimangalisayo zomoya kwathiwa ziya kudlula. 1Ko 13:8-10
Imimangaliso asibobungqina buqinisekileyo benkoliseko kaThixo. Mat 7:22, 23; 24:24
33. AbaProfeti Bobuxoki
A. Abaprofeti bobuxoki baxelwa kwangaphambili; babekho ngomhla wabapostile
Umgaqo wokuqonda abaprofeti bobuxoki. Dut 18:20-22; Luk 6:26
Baxelwa kwangaphambili; Baya kuqondwa ngeziqhamo. Mat 24:23-26; 7:15-23
34. ISabatha
A. Umhla weSabatha awubophi kumaKristu
UMthetho wabhangiswa ngokufa kukaYesu. Efe 2:15
ISabatha ayibophi kumaKristu. Kol 2:16, 17; Rom 14:5, 10
Akhalinyelwa ngokugcina iSabatha, njl. Gal 4:9-11; Rom 10:2-4
Angena ekuphumleni kukaThixo ngokholo nentobelo. Heb 4:9-11
B. Ukugcinwa kweSabatha kwakufuneka kuSirayeli wamandulo kuphela
ISabatha yaqala ukugcinwa emva kweMfuduko. Eks 16:26, 27, 29, 30
YeyamaSirayeli emvelo njengomqondiso. Eks 31:16, 17; Nd 147:19, 20
Neminyaka yeSabatha yayigcinwa phantsi koMthetho. Eks 23:10, 11; Lev 25:3, 4
ISabatha ayiyomfuneko kumaKristu. Rom 14:5, 10; Gal 4:9-11
C. ISabatha yokuphumla kukaThixo (umhla wesi-7 “weveki” yokudala)
Yaqala ekugqityweni kwendalo yomhlaba. Gen 2:2, 3; Heb 4:3-5
Yaqhubeka yadlula kwixesha likaYesu emhlabeni. Heb 4:6-8; Nd 95:7-9, 11
AmaKristu aphumle kwimisebenzi yokuzingca. Heb 4:9, 10
Iphela xa uBukumkani bugqiba umsebenzi emhlabeni. 1Ko 15:24, 28
35. ISikhumbuzo, IDini LeMisa
A. Ukukhunjulwa kweSidlo SeNkosi Sangokuhlwa
Sikhunjulwa kanye ngonyaka ngePasika. Luk 22:1, 17-20; Eks 12:14
Sikhumbuza ukufa kukaKristu okulidini. 1Ko 11:26; Mat 26:28
Abanethemba lasezulwini bayadla. Luk 22:29, 30; 12:32, 37
Indlela umntu azi ngayo ukuba unelo themba. Rom 8:15-17
B. IDini leMisa alikho Zibhalweni
Ukuxolelwa kwezono kufuna ukuphalazwa kwegazi. Heb 9:22
UKristu kuphela koMlamli womnqophiso omtsha. 1Ti 2:5, 6; Yoh 14:6
UKristu usezulwini; akathotywanga ngumbingeleli. IZe 3:20, 21
Akukho mfuneko yakuphinda idini likaKristu. Heb 9:24-26; 10:11-14
36. USindiso
A. Usindiso luphuma kuThixo ngedini lentlawulelo likaYesu
Ubomi sisipho sikaThixo ngoNyana wakhe. 1Yo 4:9, 14; Rom 6:23
Usindiso lunokwenzeka kuphela ngedini likaYesu. IZe 4:12
Akukho misebenzi “koguquka ekukhuko lokufa.” Yak 2:14, 26
Lusetyenzelwa ngamandla. Luk 13:23, 24; 1Ti 4:10
B. Ukuthi “okhe wasindiswa, uhlala esindisiwe” akukho Zibhalweni
Nabo banomoya oyingcwele banokuwa. Heb 6:4, 6; 1Ko 9:27
AmaSirayeli amaninzi abhujiswa noxa asindiswa eYiputa. Yude 5
Usindiso asilolwequbuliso. Fil 2:12; 3:12-14; Mat 10:22
Abahlehlayo babi ngakumbi kunangaphambili. 2Pe 2:20, 21
C. Ukuthi “kosindiswa ihlabathi liphela” akukho Zibhalweni
Abathile abanakuguquka. Heb 6:4-6
UThixo akakholiswa kukufa kwabangendawo. Hez 33:11; 18:32
Kodwa uthando aluyekeleli kukungalungisi. Heb 1:9
Abangendawo botshatyalaliswa. Heb 10:26-29; ISi 20:7-15
37. ISono
A. Into esiyiyo isono
Kukwaphula umthetho kaThixo, ogqibeleleyo. 1Yo 3:4; 5:17
Umntu, njengendalo kaThixo, woziphendulela. Rom 14:12; 2:12-15
UMthetho wasichaza isono, wenza abantu basiqonda. Gal 3:19; Rom 3:20
Bonke bonile, basilele kumthetho ogqibeleleyo kaThixo. Rom 3:23; Nd 51:5
B. Isizathu sokuba bonke beve ubunzima ngesono sika-Adam
UAdam wadlulisela ukungafezeki, ukufa kubo bonke. Rom 5:12, 18
UThixo waba nenceba ngokunyamezela uluntu. Nd 103:8, 10, 14, 17
Idini likaYesu licamagushela izono. 1Yo 2:2
Isono nemisebenzi yonke kaMtyholi zobhangiswa. 1Yo 3:8
C. Isiqhamo esalelweyo yayikukungathobeli, hayi isenzo sesini
Isalelo somthi senziwa engekadalwa uEva. Gen 2:17, 18
UAdam noEva baxelelwa ukuba babe nabantwana. Gen 1:28
Abantwana abangomphumo wesono, kodwa yintsikelelo kaThixo. Nd 127:3-5
UEva wona ingekho indoda; wayandulela. Gen 3:6; 1Ti 2:11-14
UAdam, intloko, wavukela umthetho kaThixo. Rom 5:12, 19
D. Ukona ngokuchasene nomoya oyingcwele (Mat 12:32; Mar 3:28, 29)
Akubhekiseli kwisono esizuzw’ ilifa. Rom 5:8, 12, 18; 1Yo 5:17
Umntu angawuhlungisa umoya, kanti aguquke. Efe 4:30; Yak 5:19, 20
Ukusiqhelisela ngabom isono kusa ekufeni. 1Yo 3:6-9
UThixo uyabagweba abanjalo, asuse umoya wakhe. Heb 6:4-8
Asimele sibathandazele abanjalo abangaguqukiyo. 1Yo 5:16, 17
38. UmThandazo
A. Imithandazo eviwa nguThixo
UThixo uyayiphulaphula imithandazo yabantu. Nd 145:18; 1Pe 3:12
Ongalungileyo akaviwa ngaphandle kokuguqula ikhondo. Isa 1:15-17
Kumelwe kuthandazwe egameni likaYesu. Yoh 14:13, 14; 2Ko 1:20
Makuthandazwe ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo. 1Yo 5:14, 15
Ukholo lubalulekile. Yak 1:6-8
B. Ukuphindaphinda nokuthandaza kuMariya okanye “kwiingcwele” kulilize
Makuthandazwe kuThixo ngegama likaYesu. Yoh 14:6, 14; 16:23, 24
Amazwi aphindaphindwayo akayi kuviwa. Mat 6:7
39. UmTshato
A. Umanyano lomtshato malubekeke
Lufaniswa noKristu nomtshakazi. Efe 5:22, 23
Isilili somtshato masingadyojwa. Heb 13:4
Izibini zilulekwa ngokungahlukani. 1Ko 7:10-16
Yipor·neiʹa kuphela esisizathu esingokweZibhalo soqhawulo-mtshato. Mat 19:9
B. Umgaqo wobuntloko umele uhlonelwe ngamaKristu
Indoda njengentloko mayithande, inyamekele intsapho. Efe 5:23-31
Umfazi makazithobe, athande, athobele indoda. 1Pe 3:1-7; Efe 5:22
Abantwana bamele bathobele. Efe 6:1-3; Kol 3:20
C. Imbopheleleko yabazali abangamaKristu ebantwaneni
Bathandeni, nibanike ixesha, ingqalelo. Tit 2:4
Musani ukubacaphukisa. Kol 3:21
Bondleni, nangezinto zokomoya. 2Ko 12:14; 1Ti 5:8
Baqeqesheleni ukuzuza ubomi. Efe 6:4; IMi 22:6, 15; 23:13, 14
D. AmaKristu afanele atshate namaKristu kuphela
Tshata kuphela “eNkosini.” 1Ko 7:39; Dut 7:3, 4; Neh 13:26
E. Isithembu sichasene neZibhalo
Ekuqaleni indoda yayinomfazi omnye kuphela. Gen 2:18, 22-25
UYesu wabuyisela loo mlinganiselo wamaKristu. Mat 19:3-9
AmaKristu okuqala ayengenasithembu. 1Ko 7:2, 12-16; Efe 5:28-31
40. UVuko
A. Ithemba ngabafi
Bonke abasemangcwabeni baza kuvuswa. Yoh 5:28, 29
Uvuko lukaYesu sisiqinisekiso. 1Ko 15:20-22; IZe 17:31
Abone umoya abayi kuvuswa. Mat 12:31, 32
Abanokholo baqinisekiswa ngalo. Yoh 11:25
B. Ukuvukela kubomi basezulwini okanye basemhlabeni
Bonke bafele kuAdam; bazuza ubomi kuYesu. 1Ko 15:20-22; Rom 5:19
Ukwahluka kwemo yabavusiweyo. 1Ko 15:40, 42, 44
Abakunye noYesu boba njengaye. 1Ko 15:49; Fil 3:20, 21
Abangalawuliyo boba semhlabeni. ISi 20:4b, 5, 13; 21:3, 4
41. UYehova, UThixo
A. Igama likaThixo
“UThixo” sisibizo nje; iNkosi yethu inegama layo. 1Ko 8:5, 6
Sithandazela ukungcwaliswa kwegama lakhe. Mat 6:9, 10
UYehova ligama likaThixo. Nd 83:18; Eks 6:2, 3; 3:15; Isa 42:8
Igama kwi-Eks 6:3. Nd 83:18; Isa 12:2; 26:4
UYesu walazisa eli gama. Yoh 17:6, 26; 5:43; 12:12, 13, 28
B. Ubukho bukaThixo
Akunakumbona uThixo uze uphile. Eks 33:20; Yoh 1:18; 1Yo 4:12
Akuyomfuneko ukubona uThixo ukuze ukholwe. Heb 11:1; Rom 8:24, 25; 10:17
UThixo waziwa ngemisebenzi yakhe ebonakalayo. Rom 1:20; Nd 19:1, 2
Ukuzaliseka kwesiprofeto kungqina ubukho bukaThixo. Isa 46:8-11
C. Iimpawu zikaThixo
UThixo uluthando. 1Yo 4:8, 16; Eks 34:6; 2Ko 13:11; Mik 7:18
Ubalasele ngobulumko. Yob 12:13; Rom 11:33; 1Ko 2:7
Ulilungisa, wenza ngokusesikweni. Dut 32:4; Nd 37:28
Ngusomandla, unalo lonke igunya. Yob 37:23; ISi 7:12; 4:11
D. Asingabo bonke abakhonza uThixo omnye
Indlela ebonakala ilungile ayisoloko injalo. IMi 16:25; Mat 7:21
Zimbini iindlela, inye qha esa ebomini. Mat 7:13, 14; Dut 30:19
Baninzi oothixo kodwa mnye kuphela uThixo oyinyaniso. 1Ko 8:5, 6; Nd 82:1
Ukwazi uThixo oyinyaniso kuyimfuneko kubomi. Yoh 17:3; 1Yo 5:20
42. UYesu
A. UYesu nguNyana kaThixo noKumkani omiselweyo
Izibulo likaThixo, elasetyenziswa ukudala izinto zonke. ISi 3:14; Kol 1:15-17
Wenziwa umntu ozelwe ngumfazi, wangaphantsi kweengelosi. Gal 4:4; Heb 2:9
Wazalwa ngomoya kaThixo, enesiphelo esisezulwini. Mat 3:16, 17
Waphakanyiswa ngaphezu kwangaphambi kokuba ngumntu. Fil 2:9, 10
B. Ukukholwa kuYesu Kristu kuyimfuneko ukuze sisinde
UKristu yiMbewu ethenjisiweyo ka-Abraham. Gen 22:18; Gal 3:16
NguYesu kuphela uMbingeleli Omkhulu, intlawulelo. 1Yo 2:1,2; Heb 7:25,26; Mat 20:28
Ubomi bufunyanwa ngokwazi uThixo noKristu, intobelo. Yoh 17:3; IZe 4:12
C. Kufuneka okungakumbi kunokukholwa kuYesu
Ukukholwa kumele kuhambisane nemisebenzi. Yak 2:17-26; 1:22-25
Umele uthobele imiyalelo, wenze umsebenzi awawenzayo. Yoh 14:12, 15; 1Yo 2:3
Asingabo bonke abasebenzisa igama leNkosi abaya kungena eBukumkanini. Mat 7:21-23
43. IZulu
A. Kuphela li-144 000 eliya ezulwini
Linani elilinganiselweyo; eliya kuba ngookumkani noKristu. ISi 5:9, 10; 20:4
UYesu waba ngumanduleli; abanye banyulwa emva koko. Kol 1:18; 1Pe 2:21
Abanye abaninzi baza kuphila emhlabeni. Nd 72:8; ISi 21:3, 4
I-144 000 likwisikhundla esikhethekileyo kunabanye. ISi 14:1, 3; 7:4, 9
44. UZwelonke
A. Ukuhlangana nezinye iinkonzo asindlela kaThixo
Inye kuphela indlela, imxinwa, bambalwa abayifumanayo. Efe 4:4-6; Mat 7:13, 14
Kwalunyukiswa ngokonakalisa kwemfundiso yobuxoki. Mat 16:6, 12; Gal 5:9
Siyalelwa ukuba ngabahlukileyo. 2Ti 3:5; 2Ko 6:14-17; ISi 18:4
B. Ukuthi “zonke iinkonzo zilungile” akuyonyaniso
Bambi banenzondelelo koko ayivumelani noThixo. Rom 10:2, 3
Ububi bonakalisa into ebinokulunga. 1Ko 5:6; Mat 7:15-17
Abafundisi bobuxoki bazisa intshabalalo. 2Pe 2:1; Mat 12:30; 15:14
Unqulo olucocekileyo lufuna uzinikelo olupheleleyo. Dut 6:5, 14, 15